Christian Churches of God

PO Box 369, WODEN ACT 2606, AUSTRALIA

Coordinator-General: Wade Cox

Telephone: (02) 44 712106

email to: secretary@ccg.org

[225]

Intshayelelo ngeNkonzo

(Edition 1.0 19990315-19990315)

 

UKretsu wayengumJuda. Wagcina imithetho kaThixo wayithobela ngandlela zonke. Wayengenasono kwaye isono kukophula umthetho. Wagcina iBhayibhile ngokwekhalenda ukuze isetyenziswe ngexesha likaYesu eTempileni eJerusalem phakathi kwabantu abanenceba. Le khalenda yamaJuda intsha zange yenziwe de yangu 358 kwaye imalunga nokunqanda iimini ezizukileyo zikaThixo ngokwesiko. (cf. the paper of God’s Calendar [156] nomthetho wesine [256]. ICawa yayinganquli ngecawa de yaba sisiqingatha senkulungwane ukusuka eRoma. (cf. The Role of the Fourth Commandments in the Historical Sabbath-keeping Churches of God [170]. Zange igcine ubumhedeni obungenkqubo yePasika de kwakho ukungevani kwe Quart-Deciman phakathi ko 152 no 190 CE (cf. The Origins of Christmas and Easter [235].

UYesu Krestu asilo gama lalo mntu sicinga ukuba ngunyana kaThixo (cf. The Significance of the Term Son of God [211]. Wayebizwa ukuba nguYahoshua okanye uYoshua (cf. Joshua, the Messiah the Son of God (134). Wayenoobhuti noosisi abadlala indima enkulu eCaweni akuba eSwelekile. Amagama oobhuti bakhe abhalwe eBhayibhileni nakwizibhalo zeCawa yokuqala (cf. Ante Nicene Fathers). Abakreqi babulawa ngokuphenjelelwa yiCawa yamaRoma ngesiqingatha senkulungwane yesine (cf. The Virgin Mariam and the Family of Christ [.232]. UYesu zange nanini enze ubango lokuba unguThixo. ICawa zange imthathe njengo Thixo wokwenene okanye imlinganise noThixo kwinkulungwane ezimbini zokuqala (cf. The Early Theology of the Godhead [127]. Akukho bapositile abakha bangamaTriniti. ITriniti zange yakho kwikhawunsile kaNicaea ngo 325. Yabakho kwikhawunsile kaConstantinople ngo 381CE (cf. Binitarianism and Trinitarianism [076]; Consubstantial with the Father [081]; ne The Holy Spirit [117].

Ingxoxo yokuba uYesu wayenguThixo kwaye ngumntu omnye yayilunqulo lwezithixo, uAttis owayeyindalo eyinxenye yeRoma. Yayiyenye yendlela zokunqula uIshtar okanye u-Easter okanye u-Astarte okanye u-Ashtaroth. Ukuphela kwenkulungwane yesine abapristi baka-Attis babenesityholo sokuba amaKrestu abe imiqulu enemfundiso zabo (cf. ibid. [235] uhlanjululo nolwaluko Purification and Circumcision [251]. Umba wokuba uKrestu kwakufuneka enguThixo yayivela kwifilosifi yamaGrike ngenxa yokuswela igama. Babengenagama lothando lukaThixo yiyo lento baboleka kumaHebhere igama elithi ahabah bexela uthando lukaThixo. Bamela into yokuba nguThixo kuphela onokuhlawulela umntu. Ukuba uYesu wayengengoThixo wayenokuxolela njani. Le ngcamango asiyonyani kodwa yamkelwa ngamaGrike awayebekwe kwiicawa zempuma ezasusa izihlobo zikaKrestu ekwakusithiwa ngoDesposyni (cf. ibid. [232]. Yadityaniswa nenkqubo yakudala yobuhedeni (cf. The Development of the Neo-Platonist Model [017] nenjongo zokudala nokunikezela ngoYesu [160].

Ngenxa yeemfazwe ze-Arian nokuguqulwa kwamaFrank nee Anglo-Saxons icawa yaba phantsi kwengcinezelo yobukhosi bamaRoma awayengamaTrinitarian (cf. General Distribution of the Sabbath-keeping Churches [122] ibid. [170] noCox-Knox, The Sabbatarians e Transylvania, CCG Publication, 1998, pp. i-xxvii).

Nangona amaSabbatarian ayecinezelwe eYurophu avusa iProtestant Reformation eyoyiswayo kukumisa inyaniso (cf. Socinianism, Arianism na Unitarianism [185].

AmaJuda akholelwa ekubeni uThixo zange azityhile ebantwini kwaye umthetho wasiwa kubo zingelosi zikaThixo/Yehova ezazibizwa ukuba nguYehova owayenguThixo wesibini wamaSirayeli. Wayesenza ethethe ngokungathi nguThixo enamaSirayeli emlilweni nasemafini kwi-Exodus. Esi sihlalo sabaPositile eyenaso kwinkonzo yokuqala (cf. The Angel of YHVH [024]; Psalm 45 [177]; Psalm110 [178]; The Etymology of the Name of God [220] no Isaiah 9:6 [224]. Inkonzo yayikholelwa ukuba uthixo wasemhlabeni nguSatana (cf. Lucifer: Light bearer and Morning Star [223]. Inkonzo ibingakholelwa kwizulu nesihogo, iyigatya into yomoya ongenasiphelo njengesithixo (cf. The Soul [092] and On Immortality [165]. Abantu ababekholelwa ukuba xa ubhubhile uya ezulwini ngama Gnostics, eza nezo mfundiso ecaweni (cf. Vegetarianism and the Bible [183]; Wine in the Bible [188]; and The Nicolaitans [202]

Icawa yayingena kuqhuba ngolawulo de kufike uvuko lokuqala, kwaye babezakuphatha ihlabathi iminyaka engamawaka phantsi kuMsindisi, baze bathathe inxaxheba kunyuko lwesibini balungise ilizwe libe lelikaThixo (cf. The Millennium and the Rapture [095] and The City of God [180].

UYesu wayenendima ethile awayidlalayo ekudaleni. Wayengengo Thixo buqu. Wayethunyelwe nguThixo wokwenene ukuza kuqonda oko kuyimfuneko kusindiso (Jn.17:3) (cf. The Role of the Messaiah [226]. Ngexa wayengekho uThixo ophezulu, uEloah, wayekhe wakho (cf. The Pre-Existence of Jesus Christ [243] Wayengomnye wonyana bakaThixo ababekho xa kwakudalwa, esaziwa njengesininzi esingu- elohim. Icawa yafundisa kangangenkulungwane ezininzi isithi lowo wonyuliweyo uyakuba ngu-elohim njengesithunywa sikaYehova esiyintloko (No. Zechariah 12:8 and The Elect as Elohim [001].

Ukungena kwenkolo ebubuxoki ye Truine God yenza iTrinity yaza yaveza i- Islam eyayichasayo lo nto. UMohamedi neenkokheli ezine zecawa babezezona nkokheli zama-Islam ezigqibeleleyo. Emva kwabo unqulo lwama-ISlam lwadilika, lwangenwa zizithethe njenge Judaism nenkonzo yangaphambili. (cf. Christ and the Koran [163] and The Sabbath in the Qur’an [274]

UYesu wayengengoThixo buqu, ongazange abonwe kwaye ongasoze abonwe nguye yedwa onobomu obugapheliyo. (1Timothy 6:16; cf. Christ and Deity [237]. UYesu wayeyindalo kaThixo wayenendima awayidlalayo kwindalo (cf. Arche of the Creation of God as Alpha and Omega [229]. Indalo yayinezicwangcwiso eziboniswe eBhayibhileni (cf. God’s Feasts as they relate to the Creation [227]. Kwamsinya uMsindisi uyabuya ukuza kusindisa abo bamlindele ngothakazelelo kwaye uzokumisa umthetho kaThixo nemigaqo yokulawula ihlabathi (cf. Outline Time Table of the Age [272] and the Law and the Commandments series [252 ff].

Icawa ngumzimba omncinci owonyuliweyo owakhiwa kwinkulungwane ezimbini ezidlulileyo kulungiselelwa imeleniyamu yokulawula kukaThixo. YiTempile kaThixo nobungcwele, nezenzo zabo baluncedo kumsebenzi kaThixo awunike uMesiya awufezekise (cf. Sanctification of the Temple of God [241]; Measuring the Temple [137]; The Government of God [174] and God and the Church [151].

 

(Copyright © 1999 Christian Churches of God)